UMGAQO-NKQUBO WAMAWONGA EZEMALI KUBANIKI NKONZO
INTSHAYELELO NGUMPHATHISWA WEZOPHUHLISO LWEZENTLALO YOLUNTU KUMGAQO-NKQUBO WAMAWONGA EZEMALI KUBANIKI NKONZO
Ngokuvumelana neNkqubo yolwaKhiwo ngokutsha noPhuhliso, ngexesha leminyaka eli-12 yokuqala yolawulo lwedemokhrasi sigqalise amandla neenzame zethu ekuhambeni kwindlela yotshintsho lwentlalo. Sizinzise uphuhliso lwezentlalo njecala lomgaqo-nkqubo kwanenkqubo-sikhokelo yokukhulisa ukuncitshiswa kobuhlwempu kwaye kuphuculwe ukufezekiswa kwezithembiso zeenkonzo zentlalo-ntle yasekuhlaleni kubantu abangasiwa so nabahlelelekileyo kuluntu lwethu.
Ngenxa yelifa localucalulo ugqaliselo lweSebe kwiminyaka elishumi edlulileyo kakhulu belukukhuseleko loluntu, ngaphandle komsebenzi oqhubayo wokulinganiswa kofikelelo kwiinkonzo zentlalontle. Iimfuno kuqingqo-mali lokhuseleko loluntu zathetha ukuba bekukho izibonelelo ezingonelanga zokuxhasa ezinye iimfuno ezingundoqo, umzekelo iinkonzo zokhuseleko zentlalontle zasekuhlaleni, ukugcinwa kwezakhono zomsebenzi wentlalontle ezinqabileyo, kwanokunikwa kweenkonzo zentlalontle zasekuhlaleni yimibutho yoluntu. Kunikwe ukusekwa kwe-Arhente yoKhuselo llweNlalo yeSizwe, iSebe loPhuhliso lweNtlalo leSizwe ngoku linikele ujolise kwezinye zezi mfuno zingundoqo.
Ngokomzekelo, kwiminyaka emininzi edlulileyo iSebe loPhuhliso lweNtlalo leSizwe laqalise inkqubo yokuphuhlisa umGaqo-nkqubo kumaWonga ezeMali (Policy on Financial Awards) (PFA) kubaNiki Nkonzo. Iinyani zelizwe zabanga ukuba urhulumente aphengulule indlela asebenzisa ngayo izibonelelo zakhe ukuqinisekisa ukuba kukho ulwabiwo olubulungisa kuloo macandelo oluntu ngokwembali ayehlelelekile. I-PFA sisixhobo esibalulekileyo ekuququzeleleni utshintsho olungaphaya kunye nokuphuka kufezekiso lweenkonzo ngokuxhaswa kwabaniki nkonzo. Njengoko kwakuvunyelwene ngabo bonke abathelelani kwiNgqungquthela yokuKhulisa nokuPhuhlisa, bonke abathelelani benemfanelo yokusebenza kunye ekulungiseni imiceli-mngeni ehlanganisa ezoqoqosho nezentlalo ejongene nelizwe lethu. URhulumente, esebenza yedwa akanakho ukoyisa le miceli-mngeni. iSebe ke ngoko liyaqhuba ukwenza zonke iinzame zokuqinisekisa intsebenziswano ebalaseleyo kwanothelelwano nemiButho engekho phantsi kolawulo lukaRhulumente (Non-Governmental Organizations) (NGOs), imiButho eSekelwe kwiNkolo (Faith-based organizations) (FBOs), imiButho eSekelwe ekuHlaleni (Community Based Organisations) (CBOs), kwanoluntu ngokubanzi.
Ukwenza ukuba umgaqo-nkubo usebenze, iimodeli zokuxabisa ziphuhlisiwe ukuba zilungise imiba yokuphumeza. Kubaniki nkonzo ukuba basebenze kufanele ukuiba baxhaswe ngokwaneleyo kwaye amanqanaba okuxhasa kuwo onke amaphondo kufanele amiselwe. Iimodeli zokuxabisa zeNkqubo yeeNkonzo zeNtlalo (Social Services Programme Costing Models) ziya kuthi ke ziqinisekise ukuba kukho ukufana kwanobulungisa kulwabiwo lwezibonelelo. Izindululo kwinkxaso yenkqubo ezibekiweyo kwi-PFA ziya kuqinisekisa ukuba izibonelelo zisiwa ngqo kuluntu nakwimibutho ezifuna ngamandla, kunye nokuba urhulumente unikeza iinkonzo ezifikelelekayo. ISebe likwaphuhlise kwaye lavuma iziKhokelo zeNkqubo kwaneziXhobo zokuLawula, ekufuneka zifundwe kunye nomGaqo-nkqubo kumaWonga ezeMali aya kubaBaniki Nkonzo.
URhulumente uyaziqonda iinzame ezingadinwayo kwaneminikelo yoluntu kufezekiso lweenkonzo zentlalontle. Iiprojekithi ezinjengenkqubo yemisebenzi yaseburhulumenteni eyandisiweyo (extended public works programme) (EPWP) yimizekelo yentsebenziswano phakathi kwabantu bethu kunye norhulumente. Kukulo moya wentsebenziswano ke apho sibiza bonke abantu bethu ukuba baqhube ukuthabatha inxaxheba bedala ubomi obungcono babo bonke. Siyaziqonda kwaye sizincoma iinkonzo ezinikwa ngamavolontiya, abaniki nkonzo babucala kunye nemibutho yoluntu. Sisonke sakha uluntu nesizwe abantwana bethu kunye nabo bonke abantu baseMzantsi Afrika abalufaneleyo.
UmPhathiswa woPhuhliso lwezeNtlalo
Umhla:
IMIBULELO
ISebe likwanqwenela ukuba linakane abathile kwanamaziko athe anikela kuphuhliso lalo mgaqo-nkqubo, amasebe amaphondo, imibutho yoluntu, kwakunye noluntu jikelele malunga nokunika izimvo namagqabantshintshi abawafakileyo. Uthelelwano lweSebe nemibutho yoluntu lungundoqo wokufumana ukusebenza okunempumelelo kunye nokuzalisekisa umyalelo.
Ukuzuza iikopi zolu xwebhu, nceda nxibelelana:
Umnxeba: +27 12 312 7430/7428
Ifeksi: +27 12 312 7573
INTSHAYELELO
IMIBULELO
ISISHWANKATHELO ESIYINTLOKO...1
ISINGENISO...2
IMITHETHO-SISEKO...5
INGCALULO YESIMO...6
UMGAQO-NKQUBO NENKQUBO-SIKHOKELO YOWISO-MITHETHO...12
UKUBALULWA KWENKONZO...13
INGUQULO...14
ABANIKI NKONZO...16
UKUXHASA... 18
IKONTRAKI...22
UKUPHATHA NOKULAWULA... 23
UKUNCIPHISA, UKUNQUMAMISA NOKUPHELISWA KWENKXASO...25
IIMBAMBANO... 26
UNXIBELELWANO NOKUCEBISANA... 26
ULAWULO JIKELELE...26
ULUHLU LWENKCAZELO...27
